Kuwo onke amazwe ngamazwe, kwindawo elithe lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba sisijwili esikhulu kumaYuda, nokuzila ukudla, nokulila, nokumbambazela. Abaninzi bandlala iingubo ezirhwexayo nothuthu.