Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 4:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wathi uMordekayi ukumphendula uEstere, Musa ukuthi emphefumlweni wakho, ùya kusinda wena endlwini yokumkani ngaphezu kwamaYuda onke.

14. Ngokuba xa uthe wahlala wathi tu ngeli xesha, ukuphefumla nokuhlangulwa kowavelela amaYuda kwenye indawo; ke wena nendlu yoyihlo nitshatyalaliswe. Ngubani na owaziyo, hi kanti ungené ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?

15. Wathi uEstere ukumphendula uMordekayi,

16. Yiya uwahlanganise onke amaYuda anokufumaneka eShushan, niz ile ukudla ngenxa yam. Musani ukudla, musani ukusela, imihla ibe mithathu, ubusuku nemini. Mna kananjalo neempelesi zam siya kwenjenjalo ukuzila ukudla; ndenjènjalo ukuya kukumkani ngokungesesikweni, nditshabalale ukuba ndiyatshabalala.

17. UMordekayi wegqitha, wenza ngako konke uEstere abemwisele umthetho ngako.

funda isahluko epheleleyo Uestere 4