Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 4:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uMordekayi wakwazi konke oko kwenziweyo. Wazikrazula uMordekayi iingubo zakhe, wambatha ezirhwexayo nothuthu, waphuma waya phakathi komzi, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra.

2. Wafika phambi kwesango lokumkani; kuba bekungangeni mntu esangweni lokumkani ambethe ezirhwexayo.

3. Kuwo onke amazwe ngamazwe, kwindawo elithe lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba sisijwili esikhulu kumaYuda, nokuzila ukudla, nokulila, nokumbambazela. Abaninzi bandlala iingubo ezirhwexayo nothuthu.

4. Zeza ke iimpelesi zikaEstere namathenwa akwakhe, amxelela. Wamana ezibhijabhija ukumkanikazi, ebuhlungu, wathumela iingubo zokumambesa uMordekayi, zisuswe kuye ezirhwexayo; àkazamkela.

5. UEstere wabiza uHataki wakumathenwa okumkani, obemiswe ukuba amlungisele, wamwisela umthetho kuMordekayi, ukuba azi ukuba kutheni na, kungani na.

6. Waphuma uHataki, waya kuMordekayi endaweni yembutho yomzi, ebiphambi kwesango lokumkani.

funda isahluko epheleleyo Uestere 4