Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli,* leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa.

22. Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde.

23. Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndizé kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono.

24. Bamisélwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele.

25. Yázi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kweli zwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyingànga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini, eya kubuyiswa yakhiwe ibe banzi, icandwe, ekucuthekeni ke kwamaxesha.

26. Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, úya kunqunyulwa umthanjiswa, angabi saba nanto. Umzi nengcwele úya kutshatyalaliswa ngabantu bengànga eya kuza; ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kude ke kuse ekupheleni, kuya kuba yimfazwe, luphanziso olumiswe lwagqitywa.

27. Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye; ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla; ize ngamaphiko ezinto ezinezothe ingumphanzisi; side ke siphalazeke isiphelo, sisesimisiweyo sagqitywa, phezu kwayo impanziso.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9