Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:11-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sònile kuye.

12. Wáwamisa ke amazwi akhe, abewathethile ngathi, nangabagwebi bethu ababesigweba, ngokusizisela ububi obukhulu, obungenziwanga phantsi kwezulu lonke, njengoko benziweyo kwiYerusalem.

13. Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizèle. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho.

14. Wabuphaphela ke uYehova ububi, wasizisela bona; kuba uYehova uThixo wethu elungisa ekwenzeni kwakhe konke akwenzayo; ke asiliphulaphulanga ilizwi lakhe.

15. Kaloku ke, Nkosi Thixo wethu, owabakhuphayo abantu bakho ezweni laseYiputa ngesandla esithe nkqi, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla, sonile, senzé okungendawo.

16. Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem, kwintaba yakho engcwele; kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo.

17. Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi.

18. Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi.

19. Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.

20. Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam:

21. ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli,* leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa.

22. Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde.

23. Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndizé kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono.

24. Bamisélwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele.

25. Yázi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kweli zwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyingànga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini, eya kubuyiswa yakhiwe ibe banzi, icandwe, ekucuthekeni ke kwamaxesha.

26. Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, úya kunqunyulwa umthanjiswa, angabi saba nanto. Umzi nengcwele úya kutshatyalaliswa ngabantu bengànga eya kuza; ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kude ke kuse ekupheleni, kuya kuba yimfazwe, luphanziso olumiswe lwagqitywa.

27. Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye; ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla; ize ngamaphiko ezinto ezinezothe ingumphanzisi; side ke siphalazeke isiphelo, sisesimisiweyo sagqitywa, phezu kwayo impanziso.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9