Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Watsho ke ukumkani; bamzisa uDaniyeli, bamjulela emhadini weengonyama. Waphendula ukumkani wathi kuDaniyeli, Wanga uThixo wakho, ombusa ngamaxesha onke, angákusindisa.

17. Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungàguqulwa nto mayela noDaniyeli.

18. Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; àkwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo.

19. Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo.

20. Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, úbe nako na ukukusindisa ezingonyameni?

21. Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade!

22. UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneké ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga.

23. Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye esinzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.

24. Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda abemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo.

25. Waza uDariyo ukumkani wabhalela kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ebezihleli ehlabathini lonke, wathi: Uxolo lwenu malube lukhulu!

26. Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade; ubukumkani bakhe abonákaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni;

27. esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama.

28. Lo Daniyeli waba nempumelelo ebukumkanini bukaDariyo, nasebukumkanini bukaKoreshi umPersi.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6