Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungàguqulwa nto mayela noDaniyeli.