Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:27-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola.

28. Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:

29. Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokúya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.

30. Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, àkungenxa yabulumko ndingába ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.

31. Wena kumkani, wabe ubona, nango umfanekiso omkhulu. Loo mfanekiso ubumkhulu, nokubengezela kwawo kwancamisa, umi phambi kwakho; imbonakalo yawo ibisoyikeka.

32. Loo mfanekiso, intloko yawo ibiyigolide elungileyo, isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere, isisu sawo namanqe awo elubhedu, imilenze yawo isisinyithi;

33. iinyawo zawo, ngenxalenye zisisinyithi, ngenxalenye ziludongwe.

34. Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla; labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.

35. Zaza ke zacoleka kwakanye isinyithi, nodongwe, nobhedu, nesilivere, negolide, zaba njengomququ wezandá zasehlotyeni; wemka nazo umoya, azafunyanelwa ndawo. Ilitye elo, libethileyo emfanekisweni, laba yintaba enkulu, lazalisa ihlabathi lonke.

36. Lilo elo iphupha; ukutyhilwa kwalo sòkuxela phambi kokumkani.

37. Wena kumkani, kumkani wookumkani, uThixo wamazulu ukuniké ubukumkani, namandla, nokomelela, nozuko;

38. ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu úzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2