Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 2:16-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba amxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

17. Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazísa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;

18. ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangàtshatyalaliswa uDaniyeli namakholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.

19. Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku. Waza uDaniyeli wambonga uThixo wamazulu.

20. Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.

21. Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.

22. Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.

23. Ndiya kubulela, Thixo woobawo, ndikuncoma, kuba undiniké ubulumko nobugorha, wandazisa kalokunje oko sibe sikucela kuwe; ngokuba usazísile ngokunje le nto yokumkani.

24. Ngenxa yoko uDaniyeli wangena waya kuAriyoki, lowo ubemiswe ngukumkani ukuba atshabalalise izilumko zaseBhabheli. Waya ke, wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; ndíse kukumkani; ndomxelela ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

25. Waza uAriyoki wamzisa uDaniyeli ngobungxamo kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda koonyana baseluthinjweni lwakwaYuda, eya kumazisa ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

26. Waphendula ukumkani, wathi kuDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, Ùnako na ukundazisa iphupha endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo?

27. Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola.

28. Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 2