Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 1:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko uboné ngako.

14. Yabaphulaphula ke kweli lizwi, yabalinga iintsuku ezilishumi.

15. Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani.

16. Yakúsusa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela, yabanika imifuno.

17. Abo bantwana bané uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha.

18. Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthethelimathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare.

19. Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela àkufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.

20. Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.

21. Ke kaloku uDaniyeli waba lapho, kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 1