Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 1:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eYerusalem, wayingqinga.

2. INkosi yamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yeempahla zendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe.

3. Wathi ukumkani kuAshpenazi, umthetheli-mathenwa akhe, makazìse abakoonyana bakaSirayeli, nabembewu yakwakumkani, nabakumawaba;

4. abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into, abafanele ukuma ebhotweni lokumkani; abafùndise incwadi nolwimi lwamaKaledi.

5. Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo, ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani.

6. Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.

7. Umthetheli-mathenwa wabathiya amagama; uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki, uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego.

8. Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angàzingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angàzingcolisi.

9. UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa.

10. Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabayá baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.

11. Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya,

12. Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi;

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 1