Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 4:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Yiyani eBheteli nikreqe; yiyani eGiligali, nandise ukukreqa; nizise imibingelelo yenu imisó ngemisó, nezishumi zenu kanye ngemihla emithathu;

5. niqhumisèle umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

6. Kananjalo mna ndininiké ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova.

7. Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zísentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha;

8. imizi emibini, emithathu, ibhaduléle kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.

9. Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.

10. Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuyá kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.

11. Ndibabhukuqile abanye benu, njengoko wabhukuqa ngako uThixo iSodom neGomora, nàba njengesikhuni esinyothulwe emlilweni; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.

12. Ngako oko ndiya kwenjenje kuwe, Sirayeli; ngokokuba ndiya kwenjenje ke kuwe, zilungiselele ukuhlangabeza uThixo wakho, Sirayeli.

13. Ngokuba, yabona, uloyila iintaba, ulodala umoya, uloxelela umntu into okuyiyo ukuthelekelela kwakhe, ulowenza mnyama isifingo, ulonyathela phezu kwemimango yehlabathi: nguYehova uThixo wemikhosi, igama lakhe.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 4