Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuyá kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; ànabuya nize kum noko; utsho uYehova.