Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamosi 2:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kúphithizelwa, kúhlatywa umkhosi, kúvuthelwa izigodlo.

3. Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.

4. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, àbayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, àbandwendwisa:

5. ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.

6. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;

7. bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;

8. banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.

9. Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare,* obeliqele njengemioki;* ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.

10. Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mané, ukuze nilihlùthe ilizwe lomAmori.

11. Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, àkunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.

12. Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.

13. Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu.

funda isahluko epheleleyo Uamosi 2