4. ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
5. Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram,* baye eKire; utsho uYehova.
6. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
7. ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
8. Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
9. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, àbawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
10. ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
11. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesaye yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe:
12. ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera.
13. Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo:
14. ndiya kubàsa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kúhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kúkho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi.