Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 36:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwasondela iintloko zezindlu zooyise ngokwemizalwane yoonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wasemizalwaneni yoonyana bakaYosefu, bathetha phambi koMoses naphambi kwezikhulu, iintloko zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli,

2. bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe.

3. Ke ukuba zithe zaba ngabafazi bothile koonyana bezizwe zoonyana bakaSirayeli, loncitshiswa ilifa loobawo lilifa lazo, longezelelwe kwilifa lesizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe iqashiso lelifa lethu.

4. Ukuba úthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo* koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifa lazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.

5. Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.

6. Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;

7. ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.

8. Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 36