bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe.