Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 30:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.

9. Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe.

10. Ukuba umfazi uthe wenza isibhambathiso esendlwini yendoda yakhe, nokuba uthe wabopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza ngesifungo,

11. yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.

12. Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphúle, uYehova womxolela.

13. Zonke izibhambathiso, nezifungo zonke zokuzikhanyeza, zokuthoba umphefumlo, indoda yakhe ingázimisa, indoda yakhe ingázaphula.

14. Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.

15. Ukuba ithe yakwaphula mpela emva kokuva kwayo, yobuthwala ubugwenxa bakhe.

16. Yiyo leyo imimiselo, uYehova awamwisela umthetho ngayo uMoses, phakathi kwendoda nomkayo, phakathi koyise nentombi yakhe, isebuncinaneni bayo, isendlwini kayise.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 30