Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.