Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 3:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngawo lawo amagama oonyana baka-Aron, ababingeleli abathanjiswáyo, bamiselwa ukuba babe ngababingeleli.

4. Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; àbaba nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.

5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6. Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye.

7. Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba;

8-10. bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana, nesigxina soonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi womnquba. Wòmnika abaLevi uAron noonyana bakhe, abanikwe banikwa ngoonyana bakaSirayeli; ooAron noonyana bakhe ubenze bavelele babugcine ububingeleli babo. Owasemzini osondelayo makabulawe.

11. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

12. Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;

13. kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 3