Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 26:59-65 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

59. Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.

60. UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.

61. Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova.

62. Ababalwáyo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.

63. Ngabo abo babalwáyo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko.

64. Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababaláyo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi.

65. Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 26