Ababalwáyo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.