Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 26:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.

3. UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,

4. Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.Oonyana bakaSirayeli abaphumáyo ezweni lamaYiputa babengaba:

5. kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki;

6. nguPalu ozala amaPalu; nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.

7. Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwáyo kuyo babengamashumi amané anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

8. Oonyana bakaPalu nguEliyabhi.

9. Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;

10. waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufeni kwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.

11. Ke oonyana bakaKora abafanga.

12. Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli ozala amaNemuweli; nguYamin ozala amaYamin;

13. nguYakin ozala amaYakin; nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule.

14. Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

15. Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni;

16. nguOzeni ozala amaOzeni;

17. nguEri ozala amaEri; nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli.

18. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwáyo kubo: amashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 26