Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 25:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.

7. Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.

8. Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlànza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.

9. Abafáyo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamané.

10. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

11. UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.

12. Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,

funda isahluko epheleleyo Inumeri 25