Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 23:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?

18. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.

19. UThixo akamntu ukuba athethe amanga,Akanyana waluntu ukuba azohlwaye.Etshilo nje yena, akayi kwenza na?Ethethile nje, akayi kufeza na?

20. Yabona, ndamkéle ukusikelela;Úsikelele, ke andinakukubuyisa.

21. Akaboni butshinga kuYakobi,Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye,Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.

22. UThixo umkhupha eYiputa;Amendu akhe anjengawenqu.

23. Akukho zihlabo ngoYakobi,Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeliInto ayenzayo uThixo.

24. Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi;Baziphakamisa njengengonyam' induna.Àbalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo,Basele igazi labahlatyiweyo.

25. Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.

26. Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?

27. Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona.

28. UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala.

29. Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndákhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.

30. Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 23