Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 22:3-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UMowabhi wanxunguphala kakhulu ngabantu, ngokuba bebaninzi; wakruquka uMowabhi ngoonyana bakaSirayeli.

4. Wathi uMowabhi kumadoda amakhulu akwaMidiyan, Ngoku esi sikhungu siya kukukhotha konke okungeenxa zonke kuthi, njengoko inkomo ilukhothayo uhlaza lwasendle. Ke uBhalaki, unyana kaTsipore, ubengukumkani wamaMowabhi ngelo xesha.

5. Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam.

6. Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe.

7. Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki.

8. Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.

9. Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?

10. Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,

11. Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwa nabo, ndibagxothe.

12. Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe.

13. Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani.

14. Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi.

15. Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo.

16. Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum;

17. kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu.

18. Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu.

19. Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, ndide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 22