Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 18:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo ndawonye nawe, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele; wena noonyana bakho ndawonye nawe nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu.

2. Kananjalo abazalwana bakho, isizwe sakwaLevi, isizwe sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, balungiselele wena; wena ke, noonyana bakho ndawonye nawe, phambi kwentente yesingqino.

3. Bogcina isigxina sakho nesigxina sentente yonke; kodwa empahleni yengcwele nasesibingelelweni mabangasondeli, ukuze bangafi bona aba kwanani.

4. Bonamathela kuwe, bagcine isigxina sentente yokuhlangana emsebenzini wonke wayo intente; ke owasemzini aze angasondeli kuni.

5. Nize nigcine isigxina sengcwele nesigxina sesibingelo, kungabuyi kubhekho burhalarhume phezu koonyana bakaSirayeli.

6. Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana.

7. Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nòbugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.

8. Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.

9. Yile into eyoba yeyakho ezintweni eziyingcwele kangcwele, ekudleni kwasemlilweni: yonke imisondezo yabo, eminikelweni yabo yokudla, nasemadinini abo onke esono, nasemadinini abo onke etyala, abayibuyisela kum, yoba ziinto eziyingcwele kangcwele kuwe nakoonyana bakho.

10. Nozidla engcweleni kangcwele; yonke into eyindoda yozidla; zoba ngcwele kuwe.

11. Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.

12. Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 18