Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.