8. Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.*
9. Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova, weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.
10. Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.
11. Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.
12. Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.
13. Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na?