kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36

Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukuntshula kwentonga ka-Aron

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga: intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe.

3. Wòbhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.

4. Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona.

5. Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule; ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako.

6. Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.

7. Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.

8. Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.*

9. Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova, weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.

10. Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.

11. Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.

12. Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.

13. Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na?