Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 17:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.

7. Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.

8. Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.*

9. Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova, weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.

10. Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.

11. Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.

12. Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.

13. Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 17