Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 17:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga: intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe.

3. Wòbhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.

4. Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona.

5. Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule; ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako.

6. Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.

7. Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.

8. Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.*

9. Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova, weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.

10. Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.

11. Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.

12. Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 17