Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 16:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen,

2. bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.

3. Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?

4. Weva uMoses, wawa ngobuso.

5. Wathetha kuKora nakwibandla lakhe lonke, esithi, Ngomso uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye.

6. Yenzani oku: zithabatheleni iingcedevu, wena Kora nebandla lakho lonke,

7. nibeke umlilo kuzo, nibeke isiqhumiso phezu kwazo phambi koYehova ngomso. Kothi, umntu athe uYehova wamnyula abe ngcwele yena; senanele nina, nyana bakaLevi.

8. Wathi uMoses kuKora, Khanive, nina nyana bakaLevi.

9. Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaSirayeli anahlule kwibandla lakwaSirayeli, anisondeze kuye, ukuba nisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo,

10. ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na?

11. Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?

funda isahluko epheleleyo Inumeri 16