Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 14:5-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.

6. UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.

7. Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.

8. Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.

9. Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.

10. Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.

11. Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini na bengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo?

12. Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwènze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo.

13. Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;

14. abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ùbonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.

15. Ukuba uthe wababulala aba bantu njengadoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,

16. Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubása abo bantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.

17. Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,

18. UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engéze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesiné isizukulwana.

19. Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathéle eYiputa wezisa apha.

20. Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.

21. Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.

22. Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,

23. wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.

24. Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.

25. Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.*

funda isahluko epheleleyo Inumeri 14