Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 14:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.*

26. Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,

27. Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona eli lindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.

28. Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni.

29. Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwáyo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe,

30. banyuse, nina nindikrokreleyo, aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.

31. Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.

32. Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;

33. oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mané, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 14