Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 13:2-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Thumela amadoda, aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, endibanike lona oonyana bakaSirayeli. Wòthumela indoda ibe nye kwisizwe sooyise, iyileyo ibe yeyinkulu kuso.

3. Wawathuma ke uMoses, esentlango yaseParan, ngokomlomo kaYehova, onke loo madoda, eziintloko zoonyana bakaSirayeli.

4. Ngawo la amagama awo: kwisizwe sakwaRubhen, ibinguShamuwa, unyana kaZakure;

5. kwisizwe sakwaSimon, ibinguShafati, unyana kaHori;

6. kwisizwe sakwaYuda, ibinguKalebhi, unyana kaYefune;

7. kwisizwe sakwaIsakare, ibinguIgali, unyana kaYosefu;

8. kwisizwe sakwaEfrayim, ibinguHosheya, unyana kaNun;

9. kwisizwe sakwaBhenjamin, ibinguPalti, unyana kaRafu;

10. kwisizwe sakwaZebhulon, ibinguGadiyeli, unyana kaSodi;

11. kwisizwe sakwaYosefu, esisisizwe sakwaManase, ibinguGadi, unyana kaSusi;

12. kwisizwe sakwaDan, ibinguAmiyeli, unyana kaGemali;

13. kwisizwe sakwa-Ashere, ibinguSeture, unyana kaMikayeli;

14. kwisizwe sakwaNafetali, ibinguNabhi, unyana kaVofesi;

15. kwisizwe sakwaGadi, ibinguGehuweli, unyana kaMaki.

16. Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa.

17. Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela;

18. nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukuba bomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na;

19. ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na;

20. ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 13