Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 11:18-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.

19. Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;

20. nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?

21. Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke ùthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.

22. Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona na zonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?

23. Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.

24. Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.

25. Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.

26. Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwáyo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni.

27. Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya.

28. Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele.

29. Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!

30. Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.

31. Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite* zombini, ukuphakama phezu komhlaba.

32. Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere* ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.

33. Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 11