Testamente Endala

Testamente Entsha

Inumeri 1:33-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. ababalwáyo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amané amawaka, anamakhulu mahlanu.

34. Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

35. ababalwáyo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

36. Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

37. ababalwáyo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.

38. Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

39. ababalwáyo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

40. Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:

41. ababalwáyo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amané analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.

42. Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:

43. ababalwáyo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.

44. Ngabo abo babalwáyo, babalwáyo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise.

45. Bonke ababalwáyo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:

46. bonke ababalwáyo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.

47. Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, àbabalelwanga phakathi kwabo.

48. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

49. Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli.

50. Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni.

funda isahluko epheleleyo Inumeri 1