Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 8:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngubani na onjengeislumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulomko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, bugúqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.

2. Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.

3. Musa ukukungxamelo ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.

4. Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?

5. Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesigwebo;

6. ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;

7. ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?

8. Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.

9. Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.

10. Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benzé okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 8