Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 6:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu:

2. yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engáyinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso.

3. Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe àwahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.

4. Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama;

5. kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo.

6. Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angàkuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto?

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 6