Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe àwahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye.