Testamente Endala

Testamente Entsha

Intshumayeli 11:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungàzi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.

7. Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga.

8. Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge.

9. Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yázi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.

10. Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge.

funda isahluko epheleleyo Intshumayeli 11