Testamente Endala

Testamente Entsha

Ingoma Yazo Iingoma 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndingumfiyo waseSharon,Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2. Njengenyibiba phakathi kweminga,Únjalo uwethu phakathi kweentombi.

3. Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

4. Indingenisé endlwini yewayini,Nebhanile* yayo phezu kwam luthando.

5. Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi,Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

6. Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam;Esokunene siyandiwola.

funda isahluko epheleleyo Ingoma Yazo Iingoma 2