1. Nyana wam, ukuba uthe wammela ummelwane wakho,Wabambana nomnye ngesandla:
2. Urhintyélwe ngentetho yomlomo wakho,Uthiwé hlasi ngentetho yomlomo wakho.
3. Yenza le nto ngoku, nyana wam, uzihlangule;Kuba uzifaké esandleni sommelwane wakho;Yiya, ziwise phantsi, umzame ummelwane wakho.
4. Musa ukuwanika ubuthongo amehlo akho,Ungaziniki kozela iinkophe zakho;
5. Zihlangule esandleni njengebhadi,Njengentaka esandleni somthiyeli.
6. Yiya embovaneni, vilandini;Khangela iindlela zayo, ulumke:
7. Yona ithi, ingenamphathi,Namongameli, namlawuli,
8. Isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni,Ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.
9. Kunini na ulele, vilandini?Ùya kuvuka nini na ebuthongweni bakho?