Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 29:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Indoda eyohlwaywa futhi, íyenze lukhuni intamo yayo,Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.

2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.

3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.

5. Umfo ocengacenga ummelwane wakheUthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.

6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo;Ke lona ilungisa limemelela livuye.

7. Ilungisa liyalazi ibango lesisweli;Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.

8. Amadoda agxekayo aphembelela isixeko;Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.

9. Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane,Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.

10. Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo;Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,

11. Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso,Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.

12. Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki,Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.

13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 29