Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 23:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26. Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi,Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28. Úde alale njengesihange,Awandise amanginingini eluntwini.

29. Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano?Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu?Anabani na amehlo anozizi?

30. Anâbo balibala ewayinini,Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.

31. Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela,Xa ibengezelayo endebeni,Xa ihla kamnandi;

32. Ukuphela kwayo iluma njengenyoka,Iluma njengerhamba.

33. Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini,Intliziyo yakho ithethe impenduka;

34. Ube njengolele esazulwini solwandle,Nanjengolele encotsheni yemasti;*

35. Uthi, Bándibetha, ándeva ntlungu;Bándintlitha, àndaba nanto ndiyaziyo;Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 23