Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 21:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova;Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.

2. Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo;Umlinganisi weentliziyo nguYehova.

3. Ukwenza ubulungisa nokusesikweniKunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.

4. Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo,Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.

5. Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa;Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.

6-7. Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayoNgumphúnga ophephethekayo wabafuna ukufa.Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa;Ngokuba àbavumi ukwenza okusesikweni.

8. Iligosogoso indlela yendoda enetyala;Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.

9. Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu,Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.

10. Umphefumlo wongendawo unqwenela ububi;Amehlo akhe akambabali ummelwane wakhe.

11. Ekuhlawulisweni komgxeki siyalumka isiyatha;Ekuqiqisweni kwaso, isilumko samkela ukwazi.

12. Ilungisa liyayiqiqa indlu yongendawo.Libaphenulela ebubini abangendawo.

13. Ovingca iindlebe zakhe ekukhaleni kwesisweli,Naye uya kubiza, angàviwa.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 21