Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 2:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ùya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova,Ukufumane ukumazi uThixo,

6. Ngokuba uYehova upha ubulumko;Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.

7. Ubaqwebela uzimaso abathe tye,Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,

8. Ukuze alondoloze umendo wesiko,Agcine nendlela yabakhe benceba.

9. Ùya kwandula uqonde ubulungisa,Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;

10. Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho,Ukwâzi kwenze mnandi umphefumlo wakho.

11. Ukunkqangiyela kókugcina,Ukuqonda kókulondoloza;

12. Ukuba kukuhlàngule endleleni embi,Kubantu abathetha impenduka;

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 2