kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ubulumko buzisa usindiso nesidima

1. Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam,Wayiqwebela kuwe imithetho yam,

2. Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho,Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;

3. Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo,Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;

4. Ukuba uthe wabufuna njengesilivere,Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:

5. Ùya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova,Ukufumane ukumazi uThixo,

6. Ngokuba uYehova upha ubulumko;Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.

7. Ubaqwebela uzimaso abathe tye,Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,

8. Ukuze alondoloze umendo wesiko,Agcine nendlela yabakhe benceba.

9. Ùya kwandula uqonde ubulungisa,Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;

10. Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho,Ukwâzi kwenze mnandi umphefumlo wakho.

11. Ukunkqangiyela kókugcina,Ukuqonda kókulondoloza;

12. Ukuba kukuhlàngule endleleni embi,Kubantu abathetha impenduka;

13. Kwabashiya umendo wokuthe tye,Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;

14. Kwabavuyela ukwenza ububi,Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;

15. Abamendo ujibilizayo,Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;

16. Ukuze uhlangulwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;

17. Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe,Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.

18. Kuba útshona ekufeni nendlu yakhe,Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;

19. Bonke abangénayo kuye ababuyi,Abafiki kumendo wobomi:

20. Ukuze uhambe ngendlela yabalungilyo,Ugcine umendo wamalungisa.

21. Ngokuba abathe tye baya kulíma ilizwe,Basale kulo abagqibeleleyo,

22. Banqunyùlwe ezweni abangendawo,Abanginizayo bancothulwe kulo.