Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 17:17-27-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Umhlobo uthanda ngamaxesha onke;Umzalwana uzalelwe imbandezelo.

18. Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla,Ngomela umelo phambi kowabo.

19. Uthanda ukreqo othanda ukulwa;Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.

20. Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo;Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.

21. Ozala isinyabi uzizalela isingqala;Akanaluvuyo uyise wesidenge.

22. Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise;Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.

23. Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo,Ukuze agqwethe indlela esesikweni.

24. Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni;Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.

25. Úbubuhlungu bukayise unyana osisinyabi;Úbubukrakra kumzalikazi wakhe.

26. Àkulungile ukuhlawulisa nelungisa,Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.

27-28. Owanqandayo amazwi akhe unokwazi:Omoya upholileyo yindoda enengqondo.Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;Singàwuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 17